Unjingalwazi Nana Makaula Ntsebeza unika intetha ngoku tshiswa noku bhangiswai kwencwadi kweli
1 min read
Dr Nana Makaula Ntsebeza

Unjingalwazi Nana Makaula Ntsebeza unika intetha ngoku tshiswa noku bhangiswai kwencwadi kweli. Nobunyukunyezi okanye ubuzaza besiko.
Intetho ka Njingalwazi Nana Makaula Ntsebeza inika ubuzaza besiko nedlela ekubaluleke ngayo okokuba izinto zithethwe njengoko zinjalo zigcinwe ukuze zibeyimfundiso kwakubantu abayinxalenye yokwakha u Mzantsi Afrika.
Etyatyadula kulentetha ngemifanekiso bhanya bhanya eyayingamkelekanga kweli kuquka umfanekiso bhanya bhanya wenxeba. Kulapho kuvele kakhulu ubuzaza bokufihlwa kwezinto ezinobu zaza obusingele kwingozi enganomthelela wokufa nakwingigqi zethu. Inxeba ngumfanekiso bhanya bhanya ongazange wamkelwa ngenxa yokuba ephethe imfihlo yamaxhosa ngokwa luka. Uqhube engaboni nangxaki enkulu ekubeni izinto ezinobuzaza zingabiyomfihlo ukuze kukwazeka ukuqandeka nokunceda ukwanda kobungozi bezinto.
Unjingalwazi uthi mazehlulwe izinto ezino buzaza nezinto ezingamanyukunyezi. Uthi umtana oziphatha phatha kwimpahla yangaphantsi yakhe makanga cingelwa ngenye indlela kuquka nabo banemizwa yezini ezinye. Unjingalwazi uthi ubume belixesha bufuna okokuba singazicalucaluli kodwa sihambe namaxesha ezinto. Isiko lifanelwe kukuthethwa lingabiyi mfihlo kuhlanga. Kudliwano ndlebe olubanjwe nenjingalwazi uphawula esithi. Ubuzaza, nobuthaka thaka okanye ubunyukunyezi kweli lomzantsi Afrika, abuunikwa nkathalo nangqwelasela ngabo bango somagunya.
Elibali libhalwe ngelwimi ezahlukeneyo ezifana ne Afrikaans, seSotho neEnglish. Ngoko nceda uzikhethele ngokucofa olwakho ulwimi.